Uneminyaka emithathu ethandana nale ntombazana kwaye uthi soze ayeke ukuthandana nayo. Ude afowune ngale cellphone yam. Ukuba ndithetha naye ngale ngxaki ngenjongo zokuyisombulula, ulwa nam. Undinika i-R100 kuphela emvuzweni wakhe
-	enye uyinika intombi yakhe.
Andisebenzi - 
ndithengisa iisigarethi neeswiti ukuze ndondle usapho lwam. Akabhatali nerenti Ie kodwa uyawabhatala amatyala esithandwa sakhe
Kungoku nje ndifuna umntu oza kundithanda kuba ndidiniwe bobu bomi. Umyalezo kwamanye amabhinqa ngulo - ukuba uyakushiya nawe zifunele esakho isithandwa.
ngu-C. Sibisi, KwaXuma

Maninzi kakhulu amabhinqa, ukanti ambalwa amadoda Qondani kaloku ukuba ambalwa kakhulu amadoda kunamabhinqa. Ngoko ke amadoda makanikwe ithuba lokuba nesithandwa nokuba sinye - kungenjalo amanye amabhinqa akazubanamadoda. Andisiboni isizathu sokuba ibhinqa likrexeze kuba umyeni ekrexeza.
nguSiyabulela Mtebele eMdantsane

Yonke into mayenziwe ngoxolo
Ndicinga ukuba kulungile nabafazi bakrexeze ukuba abayeni benza njalo. Le kukuphela kwendlela ebangela uxolo ekhaya.
Eyona nto imbi eyenziwa ngala madoda angamaxoki kukushiya iintsapho zawo iiveki ezininzi aze abuye enochuku ekhohlakele.
Ufumanisa ukuba le ndoda ayimkhathalelanga umfazi nosapho lwayo. lfika ekhaya ediniwe ingawuhoyi nomsebenzi wakhe. Kwiintsasa elandelayo ikhawuleza iye kwezinye izithandwa zayo kwakhona.
Amabhinqa akulo meko kufuneka abanaso isinqanda-mathe, esiza kuwagcina onwabile ngelixa umyeni angekhoyo.
Nam ndingumfazi okhathazekileyo okwanale
ngxaki.
nguD.A. Mvelase, eBergville

Ungade ufe ulindele ukuthandwa
Ukuba umyeni wakho uyakushiya, funa enye indoda. Ukuba uhleli ulindele yena, ungazibona sele unesifo sentliziyo.
nguM.S. Magwaza, eMahlabathini

Kubuhlungu ukuthanda umntu
Amadoda namabhinqa aneemvakalelo. Bonke beva iintlungu ngendlela efanayo. Nangona xa amadoda akrexezayo eshiya abafazi bawo, amabhinqa asombulula le ngxaki ngokukrexeza abangela ezinye iingxaki. Ayibobulumko ukusombulula ingxaki ngenye. S.S. King
Mna nomyeni wam sineminyaka engama-24 sitshatile.
Ukuze izimvo zokho uzivakalise bhalela apha:
lincwudi Eziya kuMhleli, Box 32083 , Mobeni, 400, South Africa ; ifeksi ithi:
(031) 450 8200 okanye usebenzise i-internet bona @ iafrica . com Ungasebenzisa igama oziqamba lona kodwa ke usiphe igama elipheleleyo lakho nedilesi . Asinako ukuzivakalisa zonke izimvo ezibhalwe ngobafundi bethu kulo makhosi, lilungelo lethu ukupapasha ezo sizihlelileyo.
Uphilela isinqanda mathe sakhe
Urhumela iBONA Abafundi abafuna ukurhumela iBONA mababhalele okanye bafowune kwiiofisi zethu eziseJohannesburg :
SUBSCRIPTIONS
Caxtoit Magazines Private Bag X02 Roosevelt Park
2129 ifowuni : (O11) 889-0862 / 889-0798 ifeksi : (011) 889-0630
BONA XHOSA - March 2000 11
izimvo zikaThembi
kubhale uTHEMBA KHUMALO





Kokunjani oku ukuxhotyiswa
B
 ANXIBA iilokhwe neesuti zodidi bethetha isiNgesi esisulungekileyo. Ufunda ngabo kwiimagazini . Koomabonakude bancuma bezithembile xa besazisa okunye okwenzelwa abantu abamnyama. Bayazingca, bathetha izinto ezibalulekileyo, besikhohlisa besithi bamele impumelelo yomntu omnyama. Ngubani obengaphikisana nosozigidi?
Bahlala kwiiofisi ezintle nakwiikansile . Abaqeshwanga kodwa bangamaqabane kwimizimveliso. Baphelelisa iintlangano zamaqumrhu okukhona benweba amaphiko kokukhona besiba zizinhanha.
liofisi ezintle kwizixeko zaseMzantsi Afrika zinamaqela athi axhobisa umntu omnyama - bavul' indlela, iinkokeli zokutsha okusungulweyo. Ukuzuza amarherheba eerandi kwezi nkampani zinkulu kubathembisa ngokuba okutsha okusungulweyo kunika ifuthe.
Mna ke wakwaKhumalo ndinengxaki xa kuthethwa ngokuba umntu omnyama ohlala kwiiofisi zenkampani enkulu yabamhlophe sekuyinkqubela yabantu ebebekade behlelelekile. Ndicinga ukuba ukukhawuleza baxubane ngokusondele kangako nentywenka yemali kubabangela bathethe utyhatyhiwe.
Ungandithathi kakubi - xa umntu engusozigidi akundikhathazi. Ukuba
ngusozigidi kwakhe kuxa ekwenza egameni Iokuba uxhobisa abantu abamnyama. Hlobo luni lokuxhobisa xa iqaqobana nje lindlandlathekiswa ngabaphathi abamhlophe?
Khawutsho Iungakanani uluntu olumnyama oluye Iwaphuculwa ngala maqela axhobisa abantu abamnyama? Ngaba amaqela anefuthe likaMotlana afumanela (aba bantu) imisebenzi? Ngaba abantu abanamashishini asakhasayo



Ndicinga ukuba
ukuzisondeza kakhulu kwaba bantu nentywenka yemali sekubabangela bathethe nje ngomlomo ibe ingqondo ingekho apho


njengaseSoweto, KwaMashu, eMatsulu, ekaMalamulele, Esikhawini okanye eGugulethu bakhe bazuza koku kufane kuthiwa kukuxhobisa abantu abamnyama?
Mna ke ndithi - ukuphanga, ubugewu obungaqondakali obuqhutywa liqaqobana leengqondi elixhobe lafohlela ukuze liphume nelingakufumana. Ekuphela kwento esingahlukanisa ngayo obu bugewu okanye ukuphanga kunye nabo baphanga iintywenka zemali bexhobile kukuba bona abasebenzisi mipu. Mhlawumbi awungqinelani nam
- kulungile - kodwa khawutsho. Kumadoda nabasetyhini abahlala
ezilalini akukho zinguqu, ukuba zikho ngumba nje wethutyana, nowenkqatho kutheni?
Kumntu ontsundu kutheni xa efuna imali enyuka imimango nemixawuka agqibele eyifumene okanye angayifumani?
Kutheni kukho amawakawaka abantu abaselula abanobugcisa kodwa abaqeshwa?
Kutheni ezi ngqondi zixhobisa abantu zigevezel' amadolo xa kufuneka ziphucule amashishini abantsundu? Ngaba aba bantu sebesebenzisa ezi ngqondo zabelungu zokuba yonk' into mayiwel' apha kuthi thina siya kubaphosela amathambo awomileyo bakhukhuze?
Kazi abantu bakuthi abakhokelayo sebelibele na ukuba bangobani, baphuma phi nokuba babe kule ndawo bakuyo matiletile mani awenziweyo ukuze babe Iapho!
Ngaba mhlawumbi mna ndidlal' upuca xa ndisithi abantu abangathathi-ntweni kumele bazuze kwezi nzame zokubaxhobisa ngezoqoqosho?
Hayi ngathi ngoku sekulixesha Iokuba iindodo zelanga sizikhuphe singaziqhathi ngokuxhotyiswa ngezoqoqosho kwabantsundu kuba oku kuxhotyiswa ziindlela nje zokutyebisa msinya iqaqobana labantu kwanabelungu baseMzantsi Afrika abaneenkampani ezingenazazela.
12 BONA XHOSA -  March 2000
kubalisa uMERCY MAKHALEMELE


N
 dikhumbula iminyaka esixhenxe xa ndandicinga ukuba ndiza kufa ngenxa yeAIDS . Ndandisazi ukuba ayinyangwa, okanye akukho themba lokuba ndinokuphila ndinentsholongwane yeAIDS . Ngezo mini oogqirha nabongikazi babengazi, besoyika kungekho yeza bangakunika lona kodwa bathi uza kufa - akakho owayethetha ngobomi xa unentsholongwane yeAIDS . Nkqu noluntu ngokwalo lwalusithi akukho nto yimbi esijamelene nayo ngaphandle kokufa.
EMzantsi Afrika kwakukho imiyalezo emibi malunga neHlV / AIDS , njengalo othi iAIDS iyabulala. Inkoliso yabantu abaselula nabaneziphiwo yasweleka ngenxa yeHlV / AIDS kuba le miyalezo yayimibi kangangokuba yabaxhalisa iboyikisa banenkolo yokuba alikho ithemba Iokuphila - nto leyo engalungile! Ndakuphandisisa ngonyango olusisisombululo nolunokukhethwa ndizamile ukuyakha nokuyixhasa inkqubo yam yokuzikhusela, ndafunda ndakuthanda ukuthi ndingubani, ukukhulisa ukuzithemba nokuzixabisa.
Ndifunde ngendlela olunamandla okuphilisa ngayo uthando ndadala ubomi obunempilo, ithemba nentsingiselo. lmpilo yam nodlamko ndilubuyisile ngokudanisa inxityelelaniswe nolwazi lwam lwangaphambili lokudanisa njengendlela yobugcisa enyangayo kwezenkcubeko ezininzi eAfrika. Ndizamile ukulukhupha uloyiko, umsindo, intlungu neemvakalelo emzimbeni wam.
Ndikwaqonda nokuba abezonyango banako ukuyinyanga imiqondiso yeHIV / AIDS kodwa abayazi indlela yokunyanga abantu abaneHlV / AIDS ( PWA ) nabanoloyiko, umsindo nentlungu. Akakho umntu onganyanga wena ngaphakathi. Ukuba sifuna ukunyangwa kufuneka siphume sizingele inkxaso, ululeko kwanonyango thina buqu.
Ukuphila neHIV kum kufana nokuba kwiyunivesiti yobomi - ukufunda izinto ezahlukeneyo mihla le kwanokuhlola ubuchule bokuzama ukuphila. Cinga nje usana lufunda ukukhasa, ukuqingqa luze Iuhambe. Ngaba wakuwa uze wenzakale ubuza kukhaba konke uyeke?
Asifanele siwalibale amandla obuchopho neengcamango zethu. Kwenza umahluko omkhulu xa ucinga usithi Ndiza kuphila okanye xa ucinga uthi ndiza kufa
limbono ezilandulayo nokucalulwa ngabantu abasingqongileyo kunokusicinezela engqondweni, kusitshabalalise kuze ekugqibeleni 

14 BONA XHOSA -  March 2000
kusibangele sigule.xa uzifumana ucinezelwe ungakwazi ukuphuncuka, uze ekuphela kwento oyicingayo ibe kukufa noloyiko, mandikuxelele oku:
Likho ithemba lokuphila unentsholongwane yeAIDS -sinokuzinyanga thina buqu.
Akukho lunyango napilisi enokukunceda uzamkele uze uzithande, akukho pilisi enokuze ikufundise ukucinga unethemba. Kukuwe ukufunda nokwamkela ukuba unentsholongwaye yeAIDS , ukuyila isimo sengqondo esikunik' ithemba nokuzithemba ukuba
unokuphila unentsholongwane yeAIDS . Kukho indidi ngeendidi zonyango ezinokukunceda uzinyange.
Njengabantu abaphila neHlV / AIDS kubalulekile ukuqonda umahluko phakathi konyango nokuphiliswa. Ukunyanga kuthetha ukusinyanga isifo ngokushenxisa imiqondiso yeso sifo, nekuyinto engenzeka kwizifo ezithath amathuba, kodwa akunjalo okwangoku ngentsholongwane yeAIDS ( HIV ).
Ukuphiliswa kuthetha ukusebenza ngokwezibakala kwangaxeshanye, ukujolisa ekuphumezeni impilo engokwasemzimbeni, engokwemvakalelo, engokwasengqondweni nengokwasemoyeni. Asinakunyangwa kwintsholongwane yeAIDS kodwa ezintliziyweni zethu sinokuphiliswa size sifunde ukuphila sinethemba nakuba sinentsholongwane yeAIDS . lnkqubo enjalo yokuphilisa inokuyixhasa inkqubo yokuzikhusela kwemizimba yethu kuze kuphuculwe ubunjani bobomi bethu okweminyaka.
Sinokuziphilisa njani? Phakathi kweentlobo zonyango kukho ukuzibandakanya kubugcisa (ukucula, ukudanisa , imidlalo yeqonga ubuchule bemithambo yomzimba) obusinika thina maAfrika indlela yokuziphilisa. ukudanisa , ukucula nokwenza imithambo lilifa lenkcubeko yethu yakudala kwaye isetyenziswe ekuphiliseni okweenkulungwane kwinkcubeko yamaAfrika. Sinokuwabuyisa amandla okuxhentsa nomculo njengobugcisa bokuphilisa ukanti sifuna ukukhuthaza abantu abaphila beneHlV / AIDS ukuba bafumane iindlela sokudanisa, ukucula nokugcinwa kwezithethe ukuze siphile. Ngaba xa kwakulawula urhulumente wocalucalulo sasingaxhentsi sicula ukulwa nentlungu esasingcungcutheka kuyo ngezo mini? Masisebenzise umculo nokudanisa ekuziphiliseni ukuze siphile ubomi obungcono. 
iaids
Imbingi yokuba ndidanise
Mntakwethu nawe msakwethu xa
ufunyanwa
unentsholongwane yeAIDS ungaphelelwa lithemba unalo ilungelo
lokuphila
Ndibongoza bonke abantu abaneHlV / AIDS kwanabo babaxhasayo, imibutho enikela iinkonzo kwabaneAlDS kwanoluntu
ingakumbi KwaZulu Natal ukuba babe yimbumba yamanyama ngoMhla wamaLungelo Oluntu kuMatshi 21, utshilo olwela amalungelo abaneAlDS uMercy Makhalemele. Eqhubeka uthe: Masisukume silwe nokucalucalulwa kwabantu abanentsholongwane yeAIDS ekukhumbuleni uGugu Dlamini.
UGugu Dlamini ubulewe nyakenye ngokuchaza ukuba unentsholongwane yeAlDS kuluntu IwaKwaMashu eThekwini.
NgokweArticle 2 yeUniversal Declaration of Human Rights nabani na unamalungelo enkululeko achazwe kulo mthetho, lungelo elo lichaza ukuba akukho mfuneko yakucalucalulwa ngokwesizwe, ibala, isini, ulwimi, unqulo, ezepolitiki okanye okunye, okobuzwe okanye imvelaphi ngokwentlalo, indawo, ukuzalwa okanye obunye ubume okubo.
NgokweArticle 25 nabani na unamalungelo omngangatho obomi obulungele impilo kwanentlalo-ntle yakhe, usapho lwakhe, kuquka ukutya, impahla, indlu nonyango kwaneenkozo zentlalo eziyimfuneko, ukwanelungelo lokhuseleko xa kwenzeka angaphangeli, agule, abe ngumlwelwe. umhlolo (kazi), ukwaluphala nezinye iimeko ezithintela impilo nezingaphaya kwamandla akhe.


Malunga nenkcozelo ebanzi ngokuza kwenziwa ngeHlV / AIDS ngomHla waMalungelo oLuntu, qhugnmshelanu ne:
AIDS Consortium (011) 403 0265
TAC Gauteng (011) 487 381 0/1/2
TAC (Western Cape (021) 788 5058
TAC KwuZulu Natal (031) 468 6375
NAPWA KZN (031) 300 3914
NA?WA Eastern Cape (041) 487 3397
NAPWA Western Cape (021) 372190
NIAPWA North West (014) 592 127
NAPWA Free State (051) 405 817
NAA Gauteng (011) 982 5454
NAPWA Mpumalanga (01 3) 71 4 3031/ 114
UMhIa Wamalungelo Oluntu
-  Matshi 21
Ukufundisa abantwana ukhuseleko ezindleleni nemithetho yendlela beselula yindlela engcono yokubaxhobisa babe ngabasebenzisi beendlela abanamva ethubeni eIizayo utshilo uAllister Goodman Shabangu  weNjabulo Creation . ongumyili wale moto yokudlala.


Oku kokuputyuza okukwityhubu nokuyilwe nguCorrie Prinsloo kunceda ekusombululeni iingxaki ezininzi zokuputyuza intlama yamazinyo - kodwa kuseza kufuneka ungalibali ukuyivala xa ugqibile.



Ubugcisa babantu
	lbracelet yokuqonda indawo akuyo umntwana wakho, iketile yombane ekhuselekileyo, okokukhupha intlama yamazinyo nemoto yokudlala - ezi zezinye zezinto ezintle eziyitwe ngumyilwe waseMzantsi Afrika.
Kukhutsho lwamaBhaso abayili kwi-1999 South African Bureau of Standards , isithethi sembeko ulan Golding , nongumphathi oyinqununu kwiDevelopment Bank of Southern Africa namhlanje kufuneke asebenzise ubugcisa obukudidi lokuqala emhlabeni ukulungiselela bonke:
Ukuyila yindlela yokuchaza iimfuno zabantu ngeendlela zobugcisa
lbhaso lokuqala liye kwisixhobo sabaqubhi abahlawulwayo, esi sisixhobo esinokunxitywa ngumntwana esikulumkisayo xa bengene emanzini okanye ebhadula kude kukho nokuthile okubuya kutshaje iibhetri kusebenzisa amandla elanga.
Uninzi lwabangeneleyo belududidi lomzekelo ongekasetyenziswa bengabayili abangenamava okuyila kunzima nkqu ukuvelisa okuthile.
Uncedo olufumaneka kwiSABS Design lnstitute luxela kwangaphambili ingomso leemveliso eziyitwe eMzantsi Afrika , utshilo umphathi walapho uAfrienne Viljoen .
Mancayi eMtata, uB.
Kunene eAlexandra , uF.L.
Sament eRustoo , uS.
Hlongwane eMzinto, uM
Mhletywa Kwa-Nobuhle.
Niphulelele!
Abafundi beBONA abahlanu bazuze isipho kukhuphiswa lwangoDisemba lukaJames Bond ukuvuyisana nokuvulwa kwe The World is Not Enough naba: uM.
Mancayi
APHA NAPHAYA
